v

Nangona uPawulos wayevalelwe, wakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabo babemtyelele.Abanye abangcwele bashumayela ngenkalipho ivangeli ngokungafihlisiyo ngenxa yokuvalelwa kukaPawulos.AmaKristu angamaYuda awayenomona noPawulos bashumayela nako iindaba ezilungileyo.UPawulos wavuya kuba iVangeli yayishunyayelwa ngenye indlela okanye enye.